3 Izizwana ezininzi ziza kuhamba zize zithi:
“Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova,
Nasendlini kaThixo kaYakobi.+
Uza kusifundisa ngeendlela zakhe,
Siza kuhamba ezindleleni zakhe.”+
Kuba kuza kuphuma umthetho eZiyon,
Nelizwi likaYehova eYerusalem.+