24 Endaweni yokunuka ioli yebhalsam,+ ziza kunuka ukubola.
Endaweni yokubhinqa ibhanti, ziza kubhinqa intambo.
Endaweni yeenwele ezenziwe kakuhle, ziza kuba nenkqayi.+
Endaweni yokunxiba impahla ephucukileyo, ziza kunxiba amalaphu okwenza ingxowa.+
Ibe luphawu lomtshiso endaweni yobuhle.