9 Kodwa ke, ubumnyama abuzukuba njengaxa ilizwe lalisentlungwini, njengakwixesha elidlulileyo xa ilizwe lakwaZebhulon nelakwaNafetali laphathwa ngendelelo.+ Kodwa kwixesha elizayo uThixo uza kulenza lizukiswe, ukuya kutsho kwindlela yaselwandle, kummandla weYordan, kwiGalili yeentlanga.