17 Yiloo nto uYehova engazukuvuyiswa ngabafana babo,
Ibe akazukuba nanceba kubantwana abangenatata nabahlolokazi,
Kwaye yonke imilomo ithetha izinto ezingekhoyo.
Kuba bonke bangabawexuki nabenzi-bubi.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,
Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.+