7 Ngelo xesha kuza kuziswa isipho kuYehova wemikhosi,
Sisuka kuhlanga olude olunolusu olumpuluswa,
Kwisizwana esoyikwa kuyo yonke indawo,
Kuhlanga olunamandla noloyisayo,
Nolunomhlaba okhukuliswe yimilambo,
Sisiya kwindawo ethwele igama likaYehova wemikhosi, iNtaba YeZiyon.”+