“Kanye njengokuba ingonyama ibhavumela ixhoba, ingonyama enamandla,
Xa iqela labalusi lidibene ukuze lilwe nayo,
Yaye ingawoyiki amazwi abo
Ingothuswa nayingxolo yabo,
Ngendlela efanayo, uYehova wemikhosi uza kuhla, alwe imfazwe
Ngenxa yeNtaba YeZiyon nangenxa yenduli yayo.