6 UYehova unekrele ibe liza kuxhapha igazi.
Liza kuba namanqatha,+
Liza kuba negazi lamatakane eegusha aziinkunzi, eleenkunzi zeebhokhwe,
Namanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha.
Kuba uYehova uza kubingelela eBhotsera,
Kuza kuxhelwa, hayi nje kancinci kwilizwe lakwaEdom!+