2 UHezekiya wawamkela ngezandla ezishushu la madoda waza wawabonisa indlu yobutyebi,+ isilivere, igolide, ioli yebhalsam, enye ioli exabisekileyo, zonke izixhobo zakhe, nabo bonke ubutyebi bakhe. Akukho nto angazange awabonise yona endlini yakhe nakubo bonke ubukhosi bakhe.