12 Ngenxa yaloo nto ndiza kuninikela kwikrele,+
Yaye nonke niza kuguqa ukuze nixhelwe,+
Kuba ndakhwaza kodwa nina zange niphendule;
Ndathetha, kodwa nina zange nindimamele;+
Naqhubeka nisenza izinto ezimbi emehlweni am,
Nakhetha izinto endingazithandiyo.”+