14 Kwaye ndiza kunivumela ukuba nindifumane,’+ utsho uYehova. ‘Ndiza kubahlanganisa abathinjwa bakho ndize ndiniqokelele ndinikhuphe kuzo zonke iintlanga neendawo endinisasazele kuzo,’+ utsho uYehova. ‘Ibe ndiza kunibuyisela kwindawo endanenza nathinjwa nikuyo.’+