17 “Ngoko uthi uYehova: ‘Khange niwuthobele umyalelo wam wokuba nithethe ngenkululeko kubantakwenu nakwabanye abantu.+ Ngoku ndiza kunenza nikhululeke ngokuthi nibulawe likrele, sisifo esingubhubhani nayindlala,’+ utsho uYehova, ‘yaye ndiza kunenza into eyoyikekayo kuzo zonke izizwe zomhlaba.+