4 Ngoku ndiyakukhulula kula matsheyini zibotshwe ngawo izandla zakho. Ukuba ukubona kuyinto entle ukuza nam eBhabhiloni, yiza, yaye ndiya kukuhoya. Kodwa ukuba awufuni ukuza nam eBhabhiloni, sukuza. Jonga! Lonke ilizwe liphambi kwakho. Yiya naphi na apho ukhetha ukuya khona.”+