16 UYohanan unyana kaKareya nazo zonke iintloko zomkhosi ezazikunye naye babathatha bonke abantu baseMizpa ababesindiswe kuIshmayeli unyana kaNetaniya emva kokuba exabele uGedaliya+ unyana ka-Ahikam. Bathatha eGibheyon amadoda, amajoni, abafazi, abantwana namagosa endlu kakumkani.