10 Emva koko yithi kuwo, ‘Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Jongani, ndithumela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni, umkhonzi wam,+ ibe ndiza kuyibeka itrone yakhe kanye phezu kwala matye ndiwafihlileyo, yaye uza kuyandisa intente yakhe phezu kwawo.+