29 Bizani abatoli balwe neBhabhiloni,
Bonke abo bagoba isaphetha.+
Misani iinkampu kuyo macala onke; makungaqhweshi mntu.
Phindisani kuyo ngokwemisebenzi yayo.+
Yenzani kuyo njengokuba yenzile.+
Kuba iziphakamise phambi koYehova,
Lowo Ungcwele kaSirayeli.+