24 “‘Kodwa xa ilungisa lishiya ubulungisa balo lize lenze izinto ezimbi, lenze zonke izinto ezenyanyekayo ezenziwa ngabenzi-bubi, ngaba liza kuphila? Akuzukukhunjulwa nasinye kwizenzo zalo zobulungisa.+ Ngenxa yokungathembeki kwalo nangenxa yesono elisenzileyo, liza kufa.+