20 ndiza kukuhlisa nabo behlayo baye emngxunyeni kubantu bakudala; ndiza kukwenza uhlale kweyona ndawo isezantsi, enjengeendawo zakudala eziye zatshatyalaliswa, kunye nabo behlayo baye emngxunyeni,+ ukuze kungabikho mntu uhlalayo kuwe. Emva koko ndiza kulizukisa ilizwe labaphilayo.