2 “Nyana womntu, cula ingoma yokuzila ngoFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye,
‘Wawunjengengonyama enamandla ezintlangeni,
Kodwa uye wathuliswa.
Wawunjengesilwanyana saselwandle,+ udakasa emilanjeni yakho,
Ugxobha amanzi ngeenyawo zakho, yaye ungcolisa imilambo.’