12 “Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, ‘Ubulungisa belungisa abuzukulisindisa xa lijika lingathobeli;+ nobubi bomenzi-bubi abuzukumkhubekisa xa eguquka ebubini bakhe;+ nomntu olilungisa akazukuhlala ephila ngenxa yobulungisa bakhe ngemini yokona kwakhe.+