27 Abaphathiswa, amasekela-baphathiswa, abalawuli namagosa aphakamileyo kakumkani awayelapho,+ abona ukuba akukho nto uyenzileyo umlilo kwimizimba yala madoda.+ Kwakungarhawukanga nonwele olu kwiintloko zawo. Iingubo zawo zokwaleka zazingenzekanga nto, engenalo nevumba eli lomlilo.