25 Uza kugxothwa phakathi kwabantu, uhlale namarhamncwa. Uza kutyiswa ingca njengenkomo. Uza kumanziswa ngumbethe wamazulu+ yaye kuza kudlula amaxesha asixhenxe+ phezu kwakho,+ ude wazi ukuba Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu, yaye ubunika lowo athanda ukumnika.+