34 “Lithe lakuphela elo xesha,+ mna Nebhukadenetsare, ndajonga emazulwini, ndaza ndabuyela ezingqondweni. Ndamdumisa Oyena Uphakamileyo, Lowo uphila ngonaphakade, ndamdumisa, ndamzukisa, kuba ulawula ngonaphakade, nobukumkani bakhe bulawula izizukulwana ngezizukulwana.+