13 Nxibani amalaphu okwenza ingxowa, nizile, nina babingeleli.
Yenzani isijwili, nina basebenza kwisibingelelo.+
Ngenani, ninxibe amalaphu okwenza ingxowa ubusuku bonke, nina basebenzi boThixo wam,
Kuba umnikelo wokutya okuziinkozo+ noselwayo+ awusasiwa endlini yoThixo wenu.