13 Phakama ubhule ntombi yaseZiyon,+
Kuba ndiza kuzitshintsha iimpondo zakho zibe yintsimbi,
Neempuphu zakho ndiza kuzitshintsha zibe yikopolo,
Kwaye uza kucola izizwana ezininzi.+
Ingeniso yazo yamaqhinga uza kuyinikela kuYehova,
Nobutyebi bazo kwiNkosi yokwenene yomhlaba wonke.”+