42 Okanye ungatsho njani kumzalwana wakho ukuthi, ‘Mzalwana, yiza ndikhuphe udiza elihlweni lakho,’ ube wena ungaliboni iplanga kwelakho ilihlo? Mhanahanisindini! Khawuqale ukhuphe elo planga likwelakho ilihlo ukuze ubone kakuhle, ngaphambi kokuba ukhuphe udiza olukwilihlo lomzalwana wakho.