21 Kanye ngelo xesha, uYesu wafikelwa ngumoya oyingcwele, waza wavuya wathi: “Ndikudumisa phambi kwabantu Tata, Nkosi yezulu nomhlaba, kuba uye wazifihla ezi zinto kwizilumko nezifundiswa,+ wazityhilela abantwana. Wenze ngolo hlobo Tata, kuba kukuthanda kwakho oko.+