22 Abapostile, abadala nalo lonke ibandla bagqiba kwelokuba bakhethe phakathi kwabo amadoda ababeza kuwathumela kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas. Bathumela uYudas owayekwabizwa ngokuba nguBharsabhas kunye noSilas,+ amadoda akhokelayo phakathi kwabazalwana.