11 Ukuba nyhani ndenze into embi efanelwe sisigwebo sokufa,+ andithi mandingabulawa; kodwa ukuba akukho nto ibambekayo kwezi zityholo andibeka zona la madoda, akukho mntu unelungelo lokundinikela kuwo kuba nje efuna ukuzithandisa. Ndibhenela kuKesare!”+