Footnote
a Ukuziphatha kakubi ngokwesini akunyamezelwa phakathi kwamaNgqina kaYehova, kanye njengokuba kwakunganyamezelwa phakathi kwamaKristu ngenkulungwane yokuqala. (1 Korinte 5:11-13) Sekunjalo, abanxaxhayo banokufumana uncedo lwabadala bebandla abanothando. (Yakobi 5:14, 15) Ngokuguquka kwikhondo labo elingafanelekanga lehambo, abanjalo banokunandipha ukuxolelwa nguThixo nalibandla lamaKristu.