Footnote
a Kufanele kuqondwe ukuba phantse wonke ubani unoloyiko oluthile lwabantu. Ngokomzekelo, abantu abaninzi baba nexhala xa beza kuthetha phambi kwabanye. Noko ke, abagqalwa beboyika ngokugqithiseleyo abantu ngokuqhelekileyo kuphela ngabo boyika kakhulu kangangokuba oko kuyiphazamise ngamandla imisebenzi yabo eqhelekileyo.