Footnote
a I-AD ligama elivela kuAlois Alzheimer, ugqirha ongumJamani owachaza esi sifo okokuqala ngowe-1906 emva kokwenza uhlolisiso kumguli onedementia. Kucingwa ukuba abantu abangaphezu kwama-60 ekhulwini abanedementia baneAD, yaye ichaphazela umntu om-1 kwabali-10 abangaphezu kweminyaka engama-65 ubudala. Olunye uhlobo lwedementia, oluyimulti-infarct dementia, lubangelwa kukuhlaselwa sistroke okungephi, okuthi kona konzakalise ingqondo.