Footnote
a Kukho umahluko ocacileyo phakathi kokusikwa ngenxa yezonyango okanye ngezizathu zobuhle nokusikwa okunyanzelekileyo okanye ukuzenzakalisa okwenziwa ngabantu abaselula abaninzi, ingakumbi amantombazana akwishumi elivisayo. Ngokufuthi ukuzenzakalisa luphawu loxinezeleko olunzulu ngokweemvakalelo okanye ukuxhaphaza, nto leyo enokufuna uncedo lweengcali.