Footnote
a Nangona igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “inkwenkwe engenayise” libhekisela kumntu oyindoda, oku akuthethi ukuba wona amantombazana akakhathalelwanga. UYehova waquka eMthethweni ingxelo engesigqibo esasiqinisekisa ukufumana ilifa kweentombi ezingenayise zikaTselofehadi. Eso sigqibo saba sisiseko sokulondolozwa kwamalungelo amantombazana angenayise.—Numeri 27:1-8.