Footnote
b IBhayibhile ibonisa ukuba ukuba nesazela esicocekileyo akusoloko kwanele. Ngokomzekelo, uPawulos wathi: “Andazi nantoni na enxamnye nam. Kanti ngako oku andingqineki ndililungisa, kodwa lowo undincinayo nguYehova.” (1 Korinte 4:4) Kwanabantu abatshutshisa amaKristu, njengokuba uPawulos wayekhe wenza, basenokwenza loo nto ngezazela ezikhululekileyo kuba becinga ukuba uThixo ungakwicala labo. Kubalulekile ke ukuba izazela zethu zicoceke kuthi nasemehlweni kaThixo.—IZenzo 23:1; 2 Timoti 1:3.