Footnote
b UTertulo wambulela uFeliks ‘ngoxolo’ awaluzisa kwisizwe sabo. Noko ke, eyona nyaniso kukuba kwakungekho luxolo kwaYuda ngoxa uFeliks wayeyirhuluneli kunaxa kwakulawula ezinye iirhuluneli ezazingaphambi kwakhe de kwakho imvukelo nxamnye neRoma. Enye into eyayibubuvuvu kukuba athi ‘sibulela kakhulu’ ngenxa yeenguqulelo ezazenziwe nguFeliks. Enyanisweni, uFeliks wayethiywe gqitha yinkoliso yamaYuda ngenxa yokuwacinezela kwakhe nokuphelisa iinzame zawo zokuvukela.—IZe. 24:2, 3.