Footnote
a Ukumkani wawanika usuku lwesibini amaYuda ukuze agqibezele ukubulala iintshaba zawo. (Estere 9:12-14) Nanamhlanje, amaYuda asalubhiyozela olo loyiso nyaka ngamnye ngenyanga ka-Adare, engqamana nokuphela kukaFebruwari nokuqala kukaMatshi. Lo msitho ubizwa ngokuba yiPurim, eyathiywa ngamaqashiso enziwa nguHaman ukuze atshabalalise uSirayeli.