Footnote
c Ingxelo kaLuka ayizichazi ngokulandelelana kwazo ezi zilingo, kodwa uMateyu yena uzichaza ngokulandelelana kwazo. Nazi izizathu ezithathu zokuba sitsho. (1) Xa echaza isilingo sesibini uMateyu usiqala ngamazwi athi “emva koko,” into ebonisa ukuba sasilandela esokuqala. (2) Ngoko ayisothusi into yokuba emva kokuyifihla eyona nto ayifunayo kwizilingo ezibini zokuqala eziqala ngamazwi athi “Ukuba ungunyana kaThixo,” ayenze icace kwisilingo sesithathu ukuba ufuna ophule umthetho wokuqala. (Eks. 20:2, 3) (3) Namazwi kaYesu athi “Hamb’ apha Sathana!” amele ukuba aphendula isilingo sesithathu nesokugqibela.—Mat. 4:5, 10, 11.