Footnote
a Ngenkulungwane yesithathu yeXesha Eliqhelekileyo, uTertullian wathi abafazi “abathambisa ulusu lwabo ngezinto ezithile zokuthambisa, bazitsho zibe bomvu izidlele zabo, bawenze aqaqambe amehlo abo ngomsizi [omnyama], bayona kuMdali.” Kwakhona wagxeka nabo baguqula ibala leenwele zabo. Esebenzisa kakubi amazwi kaYesu akuMateyu 5:36, uTertullian wabamangalela esithi: “Bayayikhanyela iNkosi! Bathi, ‘Khangela! endaweni yokuzenza mhlophe okanye sizenze nyama, senza [iinwele zethu] zibe mthubi.’” Wongezelela ngelithi: “Usekwanokufumana nabantu abaneentloni kuba besaluphala, baze bazame ukuguqula iinwele zabo ezimhlophe ekubeni zibe mnyama.” Leyo yimbono yobuqu kaTertullian. Kodwa wayeziphixanisa izinto, kuba awayekuthetha kwakusekelwe kwimbono yakhe yokuba abafazi bangunobangela wokugwetyelwa ukufa kwabantu, ngoko bafanele ‘baxelise uEva, ngokuthi babonakale belusizi yaye beguqukile’ ngenxa ‘yehlazo lesono sokuqala.’ IBhayibhile ayiyithethi into enjalo; uThixo walibeka kuAdam ityala ngenxa yesono soluntu.—Roma 5:12-14; 1 Timoti 2:13, 14.