Footnote
b Kwithuba elidluleyo elingekude umthombo weendaba weUnited States wawubalaselisa ihlazo elalisaziwa nanguthathatha lomvangeli owayeshumayela kumabonwakude, ngoxa umfazi womnye asebenza naye phantse kwakunikelwe kuye ingqalelo efanayo. Ngokutsho kwengxelo yeendaba, wakhula ekholelwa kwelokuba kwakusisono ukusebenzisa “izithambiso nokubukela imifanekiso eshukumayo,” kodwa kamva wayiguqula imbono yakhe waza waphawulwa “njengozisebenzisa ngokungathethekiyo izithambiso kangangokuba xa ethambisile akhangeleke ngokungathi ngumfanekiso oqingqiweyo.”