Footnote
a Thelekisa iindlela ezimbini uPawulos awasabela ngazo kumbandela wolwaluko. Nakubeni wayesazi ukuba “ukwaluka oku akunto,” walalusa iqabane awayehambahamba nalo uTimoti, owayengumYuda ngonina. (1 Korinte 7:19; IZenzo 16:3) Kwimeko kaTito, umpostile uPawulos wakuphepha ukumalusa njengesiseko sokulwa amasiko nabo babefundisa iimfundiso zobuYuda. (Galati 2:3) UTito wayengumGrike ibe ngoko, ngokungafaniyo noTimoti, wayengenasizathu sivakalayo sokwaluka. Ukuba, njengoweeNtlanga, wayeza kwaluka, ‘uKristu wayengayi kumnceda ngalutho.’—Galati 5:2-4.