Footnote
a Nangona iBhayibhile ichaza ukuba “into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona,” oku akuthethi ukuba ukubandezeleka komntu kuyimpindezelo kaThixo. (Galati 6:7) Kweli hlabathi lilawulwa nguSathana, amalungisa ngokufuthi ajamelana neengxaki ezininzi kunabangendawo. (1 Yohane 5:19) UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.” (Mateyu 10:22) Ukugula nezinye iimbandezelo zinokuhlela nawuphi na kubakhonzi bakaThixo abathembekileyo.—INdumiso 41:3; 73:3-5; Filipi 2:25-27.