Footnote
b Le ngxubusho ijoliswe kwiilwimi ezikwaziyo ukuwucacisa lo mba kodwa abaguquleli bakhethe ukungenjinjalo. Kwiilwimi ezithile isigama esikhoyo siwenza ulinganiselwe gqitha umsebenzi womguquleli. Ngoko ke, abahlohli abanyanisekileyo bezonqulo bayachaza ukuba kwanokuba umguquleli usebenzise amabinzana ahlukeneyo okanye usebenzise ibinzana elidlulisela iingcamango ezingezozazibhalo, ibinzana lolwimi lwantlandlolo, elithi neʹphesh, lisetyenziswa kubantu nakwizilwanyana ngokufanayo yaye limela nayiphi na into ephefumlayo, etyayo, nefayo.