Footnote
a “Amalinge otyando okuphinda kudityaniswe [ivas deferens] aye aphumelela ngomlinganiselo wama-40 ekhulwini, yaye kukho ubungqina bokuba kunokubakho impumelelo engakumbi ukuba kunokuphuculwa iindlela zotyando zokusika inxeba elincinane. Sekunjalo, utyando lokuvala inzala emadodeni lufanele lugqalwe njengenkqubo engenakuguqulwa.” (Encyclopædia Britannica) “Utyando lokuvala inzala lufanele lugqalwe njengenkqubo engenakuguqulwa. Enoba yintoni na eviwe ngumguli ngokuvulwa kwayo kwakhona, utyando lokudibanisa amalungu anqunyuliweyo lubiza imali eninzi, yaye akunakuqinisekwa ukuba luza kuphumelela. Amabhinqa aye avula inzala kwakhona, asemngciphekweni omkhulu wokukhulelwa ngaphandle kwesibeleko.”—Contemporary OB/GYN, Juni 1998.