Footnote
b Omnye umthetho onokubonakala uhambisana noku wawusithi indoda eyayityumke amalungu esini yayingenakungena ebandleni likaThixo. (Duteronomi 23:1) Noko ke, i-Insight on the Scriptures ithi oku kubonakala ukuba “kwakunento yokwenza nokuwatyumza ngabom ngenjongo yokuziphatha okubi ngokwesini, njengamafanasini.” Ngenxa yoko, umthetho wawungaquki ukuthenwa okanye ukuqingqa inzala. Kwakhona i-Insight ithi: “Ngokuthuthuzelayo uYehova waxela kwangaphambili esithi liya kufika ixesha xa amathenwa eya kwamkelwa njengabakhonzi bakhe yaye, ukuba ayathobela, aya kuba negama elihle kunoonyana neentombi. Ekubeni uYesu Kristu wawuphelisa uMthetho, bonke abantu abanokholo, enoba yayinjani imeko yabo yangaphambili, babenokuba ngoonyana bokomoya bakaThixo. Yashenxiswa yonke iyantlukwano engokwenyama.—Isa 56:4, 5; Yoh 1:12.”