Footnote
b Imicimbi yoshishino okanye yemali ebandakanya umlinganiselo othile wokuqhatha, ubuqhetseba okanye amaqhinga inokubalwa phakathi kwezono awayebhekisela kuzo uYesu. Ukuze abonise oko, emva kokunikela ulwalathiso olubhalwe kuMateyu 18:15-17, uYesu wenza umzekeliso wamakhoboka (abaqeshwa) awayetyala imali aza akakwazi ukuyihlawula.