Footnote
c Inqu ekuthethwa ngayo eBhayibhileni kusenokwenzeka ukuba yayiluhlobo lweenyathi ezazifumaneka eYurophu (ngesiLatini iurus). Kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, ezi zilwanyana zazifumaneka eGaul (ngoku eyiFransi), kwaye uJulius Caesar wabhala wenjenje xa wayezichaza: “Ezi uri zingaphantsi nje kancinane kwiindlovu ngobukhulu, kodwa ke intsobi, umbala kunye nokumila, zifana neenkunzi zeenkomo. Indlela ezinamandla nezinamendu ngayo: enoba ungumntu okanye usisilwanyana akusindanga ukuba zikhe zakubona.”