Footnote
a Izibonda zazingamele zisuswe kumakhonkco kwanaxa iTyeya yayihleli kwindawo yayo emnqubeni. Ngenxa yoko, izibonda zazingayi kusetyenziselwa nayiphi na enye injongo. Kwakhona, iTyeya yayingachukunyiswa; ukuba izibonda zazinokushenxiswa, nanini na ihanjiswa iTyeya engcwele kwakuya kufuneka izibonda zibuyiselwe kumakhonkco azo. Amagqabaza eNumeri 4:6 ‘angokufakwa kwezibonda’ anokubhekisela ekulungisweni okanye ekulungelelanisweni kwezibonda ukulungiselela ukuthwala le bhokisi inzima ukuyisa kwinkampu entsha.