Footnote
a Egqabaza ngamazwi awathethwa nguPawulos athi “uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele,” umphengululi weBhayibhile uGordon D. Fee uthi: “Kwiincwadi zikaPawulos la mabinzana [ukuzeka kade umsindo nobubele] abonisa isimo sengqondo sikaThixo esintlu-mbini ngokuphathelele abantu (thelekisa amaRoma 2:4). Kwelinye icala, umonde kaThixo ubonakaliswa ngokubamba kwakhe umsindo nxamnye nabantu abanemvukelo, ukanti kwelinye, ububele bakhe bubonakala kwizenzo zakhe zenceba eziphindwe kaliwaka. Ngaloo ndlela, uPawulos xa echaza uthando, uqalisa ngokuchaza uThixo ngendlela entlu-mbini, lowo uye ngoKristu wazibonakalisa enomonde nobubele kwabo bafanelwe ngumgwebo kaThixo.”