Footnote
b Ngendlela efanayo, xa wayecacisa ulwalamano olutsha lukaThixo ‘noonyana’ bakhe abathanjisiweyo, uPawulos wasebenzisa ibinzana lasemthethweni elalisaziwa ngabo babeza kufunda loo ncwadi kuBukhosi baseRoma. (Roma 8:14-17) Incwadi ethi St. Paul at Rome ithi: “ERoma yayiqhelekile yaye ithandwa ziintsapho zalapho into yokuzikhulisela abantwana bomnye umntu ukuze babe ngabakho.”