Footnote
a Amazwi kaYesu alungisa amakhwiniba adla ngokufumaneka kwiinguqulelo zeBhayibhile ezahlukeneyo ngendlela yokuguqulela igama elithi “ubukho.” Ezinye iinguqulelo ziliguqulela eli gama ngokuthi “kukuza,” “ukufika,” okanye “ukubuya,” nakuba loo magama enentsingiselo yesiganeko somzuzwana. Kwakhona phawula ukuba uYesu akazange afanise ubukho bakhe noMkhukula womhla kaNowa, isiganeko esenzeka ebudeni bexesha, kodwa “nemihla kaNowa,” incopho kwisihlandlo sexesha. Ngokufana nqwa neso sihlandlo, ubukho bukaKristu buya kuba sebudeni bexesha xa abantu beya kuxakeka ngooni nooni kwimicimbi yabo yemihla ngemihla de banganikeli ngqalelo kweso silumkiso.